Ilevitikus 27 XHO75

Imithetho yezibhambathiso nezishumi

1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa athe umntu wenza isibhambathiso esibalulekileyo, imiphefumlo yoba yeka Yehova ngokulinganisela kwakho.

3 Ke, ukulinganisela kwakho, oyindoda makuthabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, kuse kominyaka imashumi mathandathu ezelwe: ukulinganisela kwakho makube ziishekele zesilivere* ezimashumi mahlanu zengcwele.

4 Ke ukuba yinkazana, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezimashumi mathathu.

5 Ukuba kuthabathele kumntwana ominyaka mihlanu, kwesa kumntwana ominyaka imashumi mabini, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele ezimashumi mabini; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.

6 Ukuba kuthabathele kumntwana onyanga-nye, kwesa kumntwana ominyaka mihlanu, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele zesilivere ezintlanu; ukulinganisela kwakho oyinkazana makube ziishekele zesilivere ezintathu.

7 Ukuba kuthabathele kominyaka imashumi mathandathu ezelwe kwenyusa, ukuba uyindoda, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezilishumi elinesihlanu; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.

8 Ke ukuba úthe wanzonza kunokulinganisela kwakho, makamiswe phambi kombingeleli, umbingeleli amlinganisele; ngento esinokuyifumana isandla salowo ubhambathisileyo, umbingeleli amlinganisele.

9 Ukuba yinkomo leyo, kusondezwa yona ukuba ibe ngumsondezo kuYehova, yonke into enjalo enikelwa kuYehova mayibe ngcwele.

10 Ize ingàguqulwa, ize ingànanwa, elungileyo ngembi, embi ngelungileyo; ukuba uthe wanana ukwanana oku inkomo ngenkomo, mayibe ngcwele yona, kwanaleyo kwananwe ngayo.

11 Ke ukuba yinto ezitho ziné eyinqambi, nokuba yiyiphi, ekungàsondezwa msondezo wayo kuYehova, into leyo izitho ziné mayimiswe phambi kombingeleli,

12 umbingeleli ayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi; yoba njengokulinganisela kwakho, wena mbingeleli.

13 Ukuba úthe wayikhulula okunene ngentlawulelo, makongeze isahlulo sesihlanu sayo kuko oko kulinganisela kwakho.

14 Xa athe umntu wayingcwalisa indlu yakhe ukuba ibe ngcwele kuYehova, umbingeleli makayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi; njengoko umbingeleli ayilinganiseleyo, yoqiniseka ngokunjalo.

15 Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula ngentlawulelo indlu yakhe, makongeze isahlulo sesihlanu sesilivere yokulinganisela kwakho kuko oko, ibe yeyakhe.

16 Ukuba umntu uthe wangcwalisa kuYehova inxalenye yentsimi yelifa lakhe, ukulinganisela kwakho makube ngokwembewu yayo, ihomere* yembewu yerhasi ngeeshekele* zesilivere ezimashumi mahlanu.

17 Ukuba úthe wayingcwalisa intsimi yakhe, ethabathe emnyakeni wentlokoma,* mayiqiniseke ngokulinganisela kwakho.

18 Ukuba úthe wayingcwalisa intsimi yakhe emva kowentlokoma, umbingeleli makambalele imali ngokweminyaka esaseleyo, kuse emnyakeni wentlokoma, iphungulwe kweyokulinganisela kwakho.

19 Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula okunene ngentlawulelo intsimi, makongeze isahlulo sesihlanu semali yokulinganisela kwakho kuko oko, iqiniseke kuye.

20 Ukuba úthe akayikhulula ngentlawulelo intsimi, nokuba uthe wathengisa ngentsimi leyo komnye umntu, mayingabi sakhululwa ngentlawulelo.

21 Loo ntsimi yoba ngcwele kuYehova, ekuphumeni kwayo kuloo mntu ngomnyaka wentlokoma, njengentsimi eyahlulelwe ukuba ibe lilifa lombingeleli.

22 Ukuba úthe wangcwaliswa kuYehova intsimi yentengo yakhe, ingentsimi yelifa lakhe,

23 umbingeleli makambalele inani lokulinganisela kwakho, kuse emnyakeni wentlokoma, anike ukulinganisela kwakho ngaloo mhla, kube njengento engcwele kuYehova.

24 Ngomnyaka wentlokoma intsimi mayibuyele kulowo yathengwa kuye, kulowo belilelakhe ilifa lomhlaba.

25 Konke ukulinganisela kwakho makube ngeshekele* yengcwele; ishekele yoba ziigera* ezimashumi mabini.

26 Ngamazibulo odwa ezintweni ezizitho ziné, azítyulelwa kuYehova, angayi kungcwaliswa mntu, nokuba yinkomo, nokuba yimvu; ngakaYehova.

27 Ukuba ngawezinto ezizitho ziné eziziinqambi, makamiselwe ngokulinganisela kwakho, kongezwe isahlulo sesihlanu sayo kuko oko; ke ukuba athe akakhululwa ngentlawulelo, makuthengiswe ngawo ngokulinganisela kwakho.

28 Kodwa yonke into esingelwe phantsi, asukuba umntu eyisingela kuYehova entweni yonke anayo, nokuba ngumntu, nokuba yinto ezizitho ziné, nokuba yintsimi yelifa lakhe, makungathengiswa ngayo, mayingakhululwa nangentlawulelo. Yonke into esingelwe phantsi yingcwele kangcwele kuYehova.

29 Yonke into esingelwe phantsi ethe yasingelwa phantsi íngumntu, mayingakhululwa nangokumiselwa; mayibulawe ife.

30 Sonke isishumi somhlaba, sembewu yomhlaba, seziqhamo zomthi, sesikaYehova; singcwele kuYehova.

31 Ukuba uthe umntu wasikhulula okunene ngentlawulelo isishumi sakhe, makongeze kuso isahlulo sesihlanu saso.

32 Sonke isishumi seenkomo, nasempahleni emfutshane, yonke into ethubeleza phantsi kwentonga, eyeshumi mayibe ngcwele kuYehova.

33 Makangagocagoci phakathi kwelungileyo nembi, angayanani; ukuba uthe wayanana ukuyanana oku, mayibe ngcwele yona, naleyo kwananwe ngayo mayingakhululwa ngentlawulelo.

34 Yiyo leyo imithetho uYehova wayiwisela uMoses ngenxa yoonyana bakaSirayeli, entabeni yaseSinayi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27