Ilevitikus 20 XHO75

Izohlwayo zezono ngezono

1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi, Yithi koonyana bakaSirayeli:

2 Umntu ngomntu, koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wayinika uMoleki* imbewu yakhe, wobulawa afe; abantu belizwe eli ize bamxulube ngamatye.

3 Ke mna ndiya kumchasa loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba uyinike uMoleki imbewu yakhe, ukuze ayenze inqambi ingcwele yam, alihlambele igama lam elingcwele.

4 Ukuba abantu belizwe elo bathe bawafihla ukuwafihla oku amehlo abo kuloo mntu, ekuyinikeni kwakhe uMoleki imbewu yakhe, àbambulala:

5 mna ndomchasa loo mntu nemizalwane yakhe, ndimnqamle, nabo bonke abahenyuza ngokumlandela, behenyuzela ukumlandela uMoleki, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.

6 Loo mphefumlo uthe wabheka kwabanemishologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamle, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.

7 Ize nizingcwalise nibe ngcwele, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.

8 Ize niyigcine imimiselo yam niyenze: ndinguYehova oningcwalisayo.

9 Umntu ngomntu, xa athe watshabhisa uyise nonina, wobulawa afe; utshabhise uyise nonina; amagazi akhe makabe phezu kwakhe.

10 Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexèze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi.

11 Indoda esukuba imlala umkayise, ityhilé ubuzé bukayise; mababulawe bafe bobabini, amagazi abo makabe phezu kwabo.

12 Indoda esukuba imlala umolokazana wayo, mababulawe bafe bobabini; bazingcolisile; amagazi abo makabe phezu kwabo.

13 Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benzé amasikizi: mababulawe bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo.

14 Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu.

15 Indoda esukuba ilala into ezitho ziné, mayibulawe ife; naloo nto izitho ziné niyibulale.

16 Inkazana esukuba isondela entweni ezitho ziné, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho ziné mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.

17 Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuzé bakhe, wabubona yena ubuzé bayo, benzé ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhilé ubuzé bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.

18 Indoda esukuba imlala umfazi enomzí yabutyhila ubuzé bakhe, yalenza laba zé ithende lakhe, naye walityhila ithende lamagazi akhe: bonqanyulwa bobabini, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.

19 Ubuzé bonyokokazi nobodade boyihlo uze ungabutyhili, ngokuba uyenza ibe zé inyama yakhe; bobuthwala ubugwenxa babo.

20 Indoda esukuba imlala umkayisekazi, yabutyhila ubuzé boyisekazi: bosithwala isono sabo, bafe bengenamntwana.

21 Indoda esukuba izeka umfazi womntakayise, yinto engcolileyo leyo: ityhile ubuze bomntakayise; abayi kuba namntwana.

22 Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze, ukuze linganihlanzi ilizwe elo ndinisa kulo ukuba nihlale kulo.

23 Ize ningahambi emimiselweni yohlanga olo ndilugxothayo ebusweni benu; ngokuba bazenzile zonke ezo nto, ndakruquka ngabo.

24 Ndathi ke kuni, Nina niya kulidla ilifa ilizwe labo; ndininikile mna ukuba libe lilifa kuni, ilizwe elibaleka amasi nobusi. NdinguYehova, uThixo wenu, onahluleyo kwezinye izizwe.

25 Ize niyahlule into ezitho ziné ehlambulukileyo kweyinqambi, nentaka eyinqambi kwehlambulukileyo, ningayenzi imiphefumlo yenu ibe nezothe ngento ezitho ziné, nangentaka, nangento yonke enambuzelayo emhlabeni, endinahluleyo nayo kuba iyinqambi.

26 Ize nibe ngcwele kum, ngokuba ndiyiNgcwele, mna Yehova; ndanahlula kwezinye izizwe, ukuba nibe ngabam.

27 Indoda nenkazana xa bathe baneshologu, baba ngoosiyazi, mababulawe bafe. Boxulutywa ngamatye, amagazi abo abe phezu kwabo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27