Ilevitikus 25 XHO75

Umnyaka wesabatha

1 Wathetha uYehova kuMoses entabeni yaseSinayi, esithi,

2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, ilizwe elo ke lophumla isabatha kuYehova.

3 Wòyihlwayela iminyaka emithandathu intsimi yakho, usithêne isidiliya sakho iminyaka emithandathu, uhlanganise ungeniselo lwaso;

4 ke umnyaka wesixhenxe woba yisabatha yesabatha kulo ilizwe, isabatha kuYehova. Uze ungayihlwayeli intsimi yakho, ungasitheni isidiliya sakho;

5 ungawuvuni ummilela wokuvuna kwakho, neediliya zesidiliya sakho esingathenwanga uze ungazisiki. Woba ngumnyaka wesabatha kulo ilizwe.

6 Isabatha yalo ilizwe yoba kukudla kuni, kuwe nakwisicaka sakho, nakwisicakakazi sakho, nakumqeshwa wakho, nakolundwendwe kuwe,

7 nakophambukele kuwe, nakwiinkomo zakho, nakwiinyamakazi ezisezweni lakho; lonke ungeniselo lwalo loba kukudla.

Umnyaka wentlokoma

8 Uze uzibalele iisabatha ezisixhenxe zeminyaka, iminyaka esixhenxe ibe zizihlandlo ezisixhenxe, ize imihla yeesabatha ezisixhenxe zeminyaka ibe yiminyaka emashumi mané aneminyaka esithoba kuwe;

9 usihambise isigodlo sokumema ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo; ngomhla wokucamagusha nosihambisa isigodlo ezweni lenu lonke;

10 umnyaka niwungcwalise, umnyaka wamashumi omahlanu, nivakalise inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Wóba ngowentlokoma* kuni, ukuba nibuyele elowo elifeni lakhe, nibuyele elowo emizalwaneni yakhe.

11 Umnyaka woba ngowentlokoma kuni, umnyaka wamashumi omahlanu, ukuba ningahlwayeli, ningawuvuni ummilela, ningasisiki isidiliya esingathenwanga.

12 Ngokuba le ntlokoma yoba ngcwele kuni; nolúdla luvela entsimini ungeniselo lwayo.

13 Ngalo mnyaka wentlokoma nobuyela elowo elifeni lakhe.

14 Xa nithe nathengisa ngento ethengisayo kummelwane wenu, naxa uthe wathenga esandleni sommelwane wakho, musani ukubandezelana.

15 Wòthenga wena kummelwane wakho ngokwenani leminyaka emva komnyaka wentlokoma; wóthengisa yena kuwe ngokwenani leminyaka yongeniselo.

16 Ngokobuninzi beminyaka wolandisa ixabiso layo, nangokobuncinane beminyaka wolinciphisa ixabiso layo; ngokuba ethengisa kuwe ngenani longeniselo.

17 Ize ningabandezelani; uze umoyike uThixo wakho, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.

18 Ize niyenze imimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze. Nohlala kulo ilizwe nikholosile;

19 ilizwe livelise iziqhamo zalo, nidle nihluthe, nihlale nikholosile kulo.

20 Xa nithe, Sodla ntoni na ngomnyaka wesixhenxe? nanku singahlwayeli, singahlanganisi lungeniselo lwethu:

21 ndoyiwisela umthetho intsikelelo yam ibe kuni ngomnyaka wesithandathu, iluvelise ungeniselo lweminyaka emithathu.

22 Nòhlwayela ngomnyaka wesibhozo, nidle amahasa kude kube ngumnyaka wesithoba; nodla amahasa lude lufike ungeniselo lwawo.

23 Ilizwe ze kungàthengiswa ngalo, libhange, kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum;

24 ezweni ke lonke lelifa lenu, ilizwe nolirholela intlawulelo.

25 Xa athe umzalwana wakho wanzonza, wathengisa ngento yelifa lakhe, makeze owalamana naye ofanele ukumkhulula, ayikhulule ngokuyihlawulela loo nto wathengisa ngayo umzalwana wakhe.

26 Umntu xa angenabani wokumkhulula, sibe sinokufikelela isandla sakhe sifumane okulingene ukuzikhululela ngentlawulelo:

27 wóbala iminyaka yokuthengisa kwakhe, abuyisele okugqithiseleyo kuloo mntu wathengisa kuye, abuyele elifeni lakhe.

28 Ukuba isandla sakhe asinakufumana okulingene ukubuyisela kuye loo nto wathengisa ngayo, yohlala esandleni salowo uyithengileyo, kude kube ngumnyaka wentlokoma. Yophuma ngowentlokoma, abuyele elifeni lakhe.

29 Umntu xa athe wathengisa ngendlu yokuhlala, isemzini onodonga, yoba nokukhululwa ngentlawulelo ude uphele umnyaka wokuthengiswa kwayo; yoba ziintsuku ezithile isenokukhululwa ngentlawulelo.

30 Ukuba ithe ayakhululwa ngentlawulelo, wada wazaliseka waphela umnyaka, yoqiniselwa kuphele indlu esemzini onodonga, kulowo wayithengayo ezizukulwaneni zakhe; ayi kuphuma ngomnyaka wentlokoma.

31 Ke izindlu zemizana, engabiyelwe ngeendonga, zobalelwa ekuthini ngamasimi alo ilizwe: zoba nokukhululwa ngentlawulelo zona, ziphume ngomnyaka wentlokoma.

32 Ke imizi yabaLevi, izindlu zemizi yelifa labo, zoba nokukhululwa ngentlawulelo nanini kubaLevi.

33 Ethe yathengwa kubaLevi, indlu ekuthengiswe ngayo emzini welifa lakhe, yophuma ngomnyaka wentlokoma; ngokuba izindlu zemizi yabaLevi zililifa labo phakathi koonyana bakaSirayeli.

34 Ilizwe ledlelo lemizi yabo makungathengiswa ngalo, ngokuba lilifa elingunaphakade kubo.

35 Xa athe umzalwana wakho wanzonza, isandla sakhe solukela kuwe, sòmomeleza, aphile nawe engumphambukeli, elundwendwe kuwe.

36 Musa ukuthabatha nzala kuye, nalwando lwemboleko; uze woyike uThixo wakho, aphile umzalwana wakho kuwe.

37 Imali yakho uze ungamniki ngenxa yenzala, ungamniki ukudla kwakho ngenxa yolwando lwemboleko:

38 ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndinike ilizwe lakwaKanan, ndibe nguThixo kuni.

39 Xa athe umzalwana wakho wanzonza ekuwe, wazithengisa kuwe, uze ungamkhonzisi ngokukhonza kwekhoboka.

40 Woba njengomqeshwa, njengolundwendwe kuwe; wókukhonza kude kube ngumnyaka wentlokoma;

41 aphume kuwe enabantwana bakhe, abuyele emizalwaneni yakhe, abuyele elifeni likayise;

42 ngokuba ngabakhonzi bam abo, endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. Makungathengiswa ngabo ngokuthengiswa kwekhoboka.

43 Uze ungamphathi ngokutyumzayo; uze woyike uThixo wakho.

44 Ikhoboka lakho nekhobokazana lakho, la akuwe, oba ngabasezintlangeni eziningqongileyo; nothenga kuzo ikhoboka nekhobokazana.

45 Kanjalo koonyana babaziindwendwe kuni, abaphambukele kuni, nothenga kubo, nasemizalwaneni yabo ekuni, abayizalele ezweni lenu; babe lilifa kuni.

46 Nobenza babe lilifa koonyana benu emva kwenu, ukuba babathabathe babe lilifa, nibakhonzise ngonaphakade. Ke bona abazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, mabangaphathani ngokutyumzayo.

47 Xa sithe isandla somphambukeli nolundwendwe kuwe satyeba ekuwe, umzalwana wakho wanzonza ekuye, wazithengisa kumphambukeli olundwendwe kuwe, nakumlibo womzalwana womphambukeli:

48 wóba nokukhululwa ngentlawulelo emva kokuzithengisa kwakhe. Omnye kubazalwana bakhe womkhulula ngentlawulelo;

49 nokuba nguyisekazi, nokuba ngunyana kayisekazi, womkhulula ngentlawulelo; nokuba ngowenyama yenyama yakhe emizalwaneni yakhe, womkhulula ngentlawulelo; nokuba isandla sakhe sithe satyeba, wózikhulula ngokwakhe ngentlawulelo.

50 Wóbalelana nowamthengayo, athabathele emnyakeni wokuthengiswa kwakhe kuye, ase emnyakeni wentlokoma, ithi imali yokuthengiswa kwakhe ime ngokwenani leminyaka abekuye, ngokwemihla yomqeshwa.

51 Ukuba isemininzi iminyaka, woyibuyisa kwimali yokuthengwa kwakhe, ibe ngangayo intlawulelo yokukhululwa kwakhe.

52 Ukuba kuthe kwasala iminyaka embalwa, ukuze kube ngumnyaka wentlokoma, wóbala ngokweminyaka yakhe, abuyise intlawulelo yokukhululwa kwakhe.

53 Wóba njengomqeshwa umnyaka ngomnyaka kuye; aze angamphathi ngokutyumzayo emehlweni akho.

54 Ukuba úthe, àkakhululwa ngentlawulelo ngabo abo, wophuma ngomnyaka wentlokoma, yena enabantwana bakhe.

55 Ngokuba kum oonyana bakaSirayeli ngabakhonzi; bangabakhonzi bam endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. NdinguYehova, uThixo wenu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27