Ilevitikus 18 XHO75

Ukwalelwa kokugananwa okuthile nemithetho yobumsulwa

1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, NdinguYehova, uThixo wenu.

3 Ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe laseYiputa, enibe nihleli kulo; ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo, ningahambi ngokwemimiselo yabo.

4 Ze nenze amasiko am, nigcine imimiselo yam, nihambe ngayo. NdinguYehova, uThixo wenu.

5 Nogcina imimiselo yam, namasiko am awothi umntu ozenzayo ezo nto aphile ngazo: ndinguYehova.

6 Umntu ngomntu aze angasondeli nakwinye inyama yenyama yakhe, ukuba atyhile ubuzé bayo: ndinguYehova.

7 Ubuzé bukayihlo, ubuzé bonyoko, uze ungabutyhili: ngunyoko lowo; uze ungabutyhili ubuzé bakhe.

8 Ubuzé bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuzé bukayihlo obo.

9 Ubuzé bodade wenu, intombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, izalelwe ekhaya, nokuba izalelwe emzini, uze ungabutyhili ubuzé bayo.

10 Ubuzé bentombi yonyana wakho, nobentombi yentombi yakho, uze ungabutyhili ubuzé bayo; ngokuba ibubuzé bakho.

11 Ubuzé bentombi yomkayihlo ezalwa nguyihlo, ingudade wenu, uze ungabutyhili ubuzé bayo.

12 Ubuzé bodade boyihlo uze ungabutyhili: yinyama yoyihlo leyo.

13 Ubuzé bonyokokazi uze ungabutyhili: kuba yinyama yonyoko leyo.

14 Ubuzé boyihlokazi uze ungabutyhili, ungasondeli kumkakhe: ngunyokokazi lowo.

15 Ubuzé bomolokazana wakho uze ungabutyhili: ngumkanyana wakho lowo; uze ungabutyhili ubuzé bakhe.

16 Ubuzé bomfazi womntakayihlo uze ungabutyhili: bubuzé bomntakayihlo obo.

17 Ubuzé bomfazi nentombi yakhe uze ungabutyhili; intombi yonyana wakhe, nentombi yentombi yakhe, uze ungayizeki, ukuba ubutyhile ubuzé bayo: yinyama yakhe leyo; ngamanyala lawo.

18 Umfazi uze ungamzekeli phezu kodade wabo, ukuba ubandezele, ukuba ubutyhile ubuzé bakhe phezu kwakhe, ekudleni kwakhe ubomi.

19 Uze ungasondeli emfazini, esekungcoleni kobunqambi bakhe, ukuba ubutyhile ubuzé bakhe.

20 Uze ungamlali umfazi wommelwane, ukuba uzenze inqambi ngaye.

21 Embewini yakho uze unganikeli namnye, ukuba acandiselwe uMoleki;* ungalihlambeli igama loThixo wakho; ndinguYehova.

22 Uze ungayilali into eyindoda njengokuba kulalwa umfazi: ngamasikizi lawo.

23 Uze ungalali nanye into ezitho ziné, ukuba uzènze inqambi ngayo; inkazana mayingazimisi phambi kwento ezitho ziné, ukuze izekwe yiyo: kukuzingcolisa oko.

24 Musani ukuzenza iinqambi ngezo nto zonke; kuba zenziwa iinqambi ngezo nto zonke iintlanga endizigxothayo ebusweni benu.

25 Lenziwé inqambi nelizwe elo; ndiyabuvelela ubugwenxa babo phezu kwabo, nelizwe liyabahlanza abemi balo.

26 Ize niyigcine imimiselo yam namasiko am nina, ningenzi nalinye kuloo masikizi, kwaozalelwe ekhaya, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu.

27 Kuba onke loo masikizi bawenzile abantu belo zwe abaphambi kwenu, lenziwa inqambi ilizwe;

28 ukuze linganihlanzi ilizwe ngokulenza kwenu inqambi, njengoko liluhlanzileyo uhlanga oluphambi kwenu.

29 Ngokuba bonke abasukuba besenza nalinye kuloo masikizi, imiphefumlo elenzayo yonqanyulwa, ingabikho phakathi kwabantu bakowayo.

30 Ngoko ke ize nisigcine isigxina sam, ningenzi namnye ummiselo olisikizi owenziwa phambi kwenu, ningazenzi iinqambi ngawo: ndinguYehova, uThixo wenu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27