Inumeri 11 XHO75

Izikrokro zabantu eTabhera

1 Abantu babenjengabakhalazela ububi ezindlebeni zikaYehova. Weva uYehova, wavutha umsindo wakhe, watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo, wadla esiphelweni seminquba.

2 Bakhala abantu kuMoses; wathandaza uMoses kuYehova, wadamba umlilo.

3 Wathi igama laloo ndawo yiTabhera:* ngokuba watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo.

4 Indibandiba ephakathi kwabo yakhanuka ikhanukile; babuya balila oonyana bakaSirayeli, bathi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle.

5 Sikhumbula iintlanzi esibe sizidla eYiputa ngelizé, kwaneekomkomere,* neevatala, neelike,* namatswele, nekinofile.*

6 Kungoku umphefumlo wethu womile; akukho nento, yile mana* yodwa emehlweni ethu.

7 Imana leyo ibinjengeenkozo zekoriyandire;* ukubonakala kwayo bekunjengokubonakala kwebhedolaki.*

8 Babesithi saa abantu, bayibuthe, bayisile ematyeni, okunye bayingqushe ngezingqusho, bayipheke ngeembiza, benze amaqebengwana ngayo; isongo sayo saye sinjengesongo sesonkana esigalelwe ioli.

9 Ukuhla kombethe eminqubeni ebusuku, ibisithi ihle nayo imana kuyo.

10 Wabeva uMoses abantu belila ngokwemizalwane yabo, elowo emnyango wentente yakhe. Wavutha umsindo kaYehova kunene; kwakubi nasemehlweni kaMoses.

Ukugosiswa kweenkulu ezingamashumi asixhenxe zokuncedisa uMoses

11 Wathi uMoses kuYehova, Yini na ukuba umphathe kakubi umkhonzi wakho lo? Yini na ukuba ndingàbabalwa nguwe, usuke uwubeke umthwalo waba bantu bonke phezu kwam?

12 Ndim na obakhawuleyo aba bantu bonke? Ndim na obazeleyo, ukuba uthi kum, Bathwale ngesifuba sakho, njengomondli ethwele umntwana owanyayo, ndibàse emhlabeni owawufungela ooyise?

13 Ndoyizuza phi na inyama, ndibanike bonke aba bantu? Ngokuba balila kum, besithi, Sinike inyama sidle.

14 Andinako mna ukubathwala aba bantu ndedwa, ngokuba kunzima oko kum.

15 Ukuba ùndenjenjalo, sewundibulala kanye, ukuba undibabále; mandingabuboni ububi bam.

16 Wathi uYehova kuMoses, Hlanganisela kum amadoda abe ngamashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, ababhali babo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe.

17 Ndiya kuhla, ndithethe nawe khona, ndicaphule kumoya okuwe, ndibeke kuwo, awuthwale nawe umthwalo wabantu aba, ungawuthwali wedwa wena.

18 Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama; kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa. UYehova uya kuninika ke inyama nidle.

19 Aniyi kuyidla mhla mnye, namihla mibini, namihla mihlanu, namihla ilishumi, namihla imashumi mabini;

20 nodla inyanga iphela, ide iphume ngeempumlo zenu, ibe lubhokra kuni; ngenxa enokuba nimcekisile uYehova ophakathi kwenu, nalila phambi kwakhe, nisithi, Saphumelani na eYiputa?

21 Wathi uMoses, Ngumqikela ongamakhulu omathandathu amawaka abantu endiphakathi kwabo; ke ùthi wena. Ndiya kubanika inyama, badle inyanga iphela.

22 Impahla emfutshane neenkomo ziya kuxhelelwa bona na, zibalingane? Ziya kuhlanganiselwa bona na zonke iintlanzi zolwandle, zibalingane?

23 Wathi uYehova kuMoses, Isandla sikaYehova sifutshane na? Ngoku uya kubona ukuba ilizwi lam liya kwenzeka, aliyi kwenzeka, kusini na.

24 Waphuma uMoses, wawathetha ebantwini amazwi kaYehova, wawahlanganisa amadoda amashumi osixhenxe kumadoda amakhulu abantu, wawamisa aba sisangqa ententeni.

25 Wehla uYehova ngelifu, wathetha kuye, wacaphula kumoya okuye, wawubeka kumadoda amakhulu angamashumi osixhenxe; kwathi, xa wahlalayo umoya phezu kwawo, aprofeta, akaphinda kodwa.

26 Ke kaloku kwasala amadoda amabini eminqubeni, igama lenye linguElidade, igama leyesibini linguMedade; wahlala umoya phezu kwawo; aba kwababhalwáyo wona, kodwa akaphumanga aye ententeni; aprofeta eminqubeni.

27 Kwagidima umfana, waxelela uMoses, wathi, OoElidade noMedade bayaprofeta eminqubeni phaya.

28 Waphendula uYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wakwabanyuliweyo bakhe, wathi, Nkosi yam, Moses, bathintele.

29 Wathi uMoses kuye, Unekhwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti, waba uYehova ubeke uMoya wakhe kubo!

30 Wabuya uMoses, waya eminqubeni, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli.

Abantu batya izagwityi eKibroti-hatahava

31 Kwesuka umoya kuYehova, waguqula izagwityi elwandle, wazithi saa eminqubeni, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zajikeleza iminquba; zangangeekubhite* zombini, ukuphakama phezu komhlaba.

32 Besuka ke abantu yonke loo mini, bonke ubusuku, yonke imini yengomso, bazibutha izagwityi. Owabutha kancinane wabutha iihomere* ezilishumi; bamana ukuzaneka, bajikelezisa eminqubeni.

33 Yathi inyama leyo isesemazinyweni abo, ingekahlafunwa, wavutha umsindo kaYehova kubo abantu, wababetha uYehova abantu ngesibetho esikhulu kunene.

34 Kwathiwa igama laloo ndawo yiKibroti-hatahava;* ngokuba bangcwatyelwa khona abantu abakhanukáyo.

35 Banduluka abantu eKibroti-hatahava, baya eHatseroti, baba seHatseroti.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36