1 Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile; ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi.
2 Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na?
3 Weva uYehova. Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni.
4 Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu.
5 Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini.
6 Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni.
7 Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke.