7 Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke.
8 Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; ásikhangele yena isimilo sikaYehova. Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses?
9 Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena.
10 Lemka ilifu ententeni; yini le? uMiriyam uneqhenqa njengekhephu. Wabheka uAron kuMiriyam; yini? uneqhenqa.
11 Wathi uAron kuMoses, Tarhu, nkosi yam; musa ukusibeka tyala ngesono esisenzileyo ngokumatha, sóna ngaso.
12 Makangàseleba njengofileyo, othi ekuphumeni kwakhe esizalweni sonina abe seledlekile isiqingatha senyama yakhe.
13 Wakhala uMoses kuYehova, esithi, Thixo, ndiyakukhunga, khawumphilise.