16 Ngawo lawo amagama amadoda awawathumayo uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe. UMoses wathi uHosheya, unyana kaNun, nguYoshuwa.
17 Wawathuma ke uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, wathi kuwo, Nyukani nina ngasezantsi, ngale ndlela;
18 nyukani niye entabeni, nilikhangele ilizwe ukuba linjani na, nabantu abemi kulo, ukuba bomelele, bangamaphakuphaku, kusini na; bambalwa, baninzi, kusini na;
19 ukuba linjani na ilizwe abemi kulo, lihle, libi, kusini na; ukuba injani na imizi abemi kuyo, baseminqubeni, basezinqabeni, kusini na;
20 ukuba linjani na ilizwe elo, liyachuma, alichumi, kusini na; linemithi, alinayo, kusini na. Yomelelani, nize neziqhamo zelo zwe. Loo mihla yabe iyimihla yentlahlela yeediliya.
21 Enyuka ke, alihlola ilizwe, ethabathela entlango yaseTsin, esa eRehobhi, ekuyeni eHamati.
22 Enyuka ngezantsi, afike eHebron; babekhona ooAhiman, noSheshayi, noTalemayi, abenzalo ka-Anaki. Ke owaseHebron wawusewakhiwe iminyaka esixhenxe, ingekakhiwa iTsohan eYiputa.