25 Abuya ekulihloleni ilizwe ekupheleni kweentsuku ezimashumi mané.
26 Eza afika kuMoses, nakuAron, nakwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, entlango yaseParan eKadeshe; azisa ilizwi kubo, nakwibandla lonke, ababonisa neziqhamo zelizwe elo.
27 Abaxelela athi, Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo.
28 Kodwa banamandla abantu, abemi kwelo zwe; imizi inqatyisiwe, imikhulu kunene; kananjalo siboné abenzalo ka-Anaki khona.
29 Kumi ama-Amaleki ezweni lasezantsi; amaHeti namaYebhusi nama-Amori emi ezintabeni; amaKanan emi ngaselwandle nangecala laseYordan.
30 Wabazolisa uKalebhi abantu phambi koMoses, wathi, Masinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siya kuleyisa kakade.
31 Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwabo bantu; ngokuba bomelele kunathi.