13 Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile ukuba ubanyusile ngamandla akho aba bantu phakathi kwawo;
14 abaxelele nokubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena, Yehova, uphakathi kwaba bantu. Ùbonakala iliso kwiliso, wena Yehova, nelifu lakho limi phezu kwabo; uhamba phambi kwabo emqulwini welifu emini, emqulwini womlilo ebusuku.
15 Ukuba uthe wababulala aba bantu njengadoda-nye, zotsho iintlanga eziluvileyo udaba lwakho, ukuthi,
16 Kungenxa enokuba uYehova ebengenako ukubása abo bantu ezweni abebafungele lona, le nto abasikileyo entlango.
17 Kaloku amandla eNkosi makabe makhulu, njengoko wathethayo wena, wathi,
18 UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba, uxolela ubugwenxa nesikreqo, engéze amenze msulwa onetyala; uvelela ubugwenxa booyise koonyana kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana.
19 Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathéle eYiputa wezisa apha.