17 Kaloku amandla eNkosi makabe makhulu, njengoko wathethayo wena, wathi,
18 UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba, uxolela ubugwenxa nesikreqo, engéze amenze msulwa onetyala; uvelela ubugwenxa booyise koonyana kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana.
19 Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathéle eYiputa wezisa apha.
20 Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho.
21 Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova.
22 Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam,
23 wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona.