19 Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathéle eYiputa wezisa apha.
20 Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho.
21 Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova.
22 Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam,
23 wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona.
24 Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiya kumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbewu yakhe.
25 Ke ama-Amaleki namaKanan emi entilini. Jikani ngomso, ninduluke, nisinge entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.*