2 Bonke oonyana bakaSirayeli babakrokrela ooMoses noAron; lathi kubo lonke ibandla, Akwaba besifele ezweni laseYiputa! Akwaba besifele nakule ntlango!
3 Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwe likrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?
4 Batshono ukuthi, Masizimisele umphathi, sibuyele eYiputa.
5 Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaSirayeli.
6 UYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, ababekwababelihlolile ilizwe, bazikrazula iingubo zabo.
7 Bathi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene.
8 Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; lilizwe elibaleka amasi nobusi.