28 Yithi kubo, Ndihleli nje, utsho uYehova, inene, njengoko nithethileyo ezindlebeni zam, ndiya kwenjenjalo kuni.
29 Izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; nabo bonke ababalwáyo kuni ngokwenani lenu lonke, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe,
30 banyuse, nina nindikrokreleyo, aniyi kungena ezweni endaliphakamisela isandla sam ukuba ndinihlalise kulo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.
31 Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa lona, lulazi ilizwe enilicekisileyo.
32 Nina, izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango;
33 oonyana benu babe ngabalusi entlango iminyaka emashumi mané, bathwale ukuhenyuza kwenu, zide ziphele izidumbu zenu entlango.
34 Ngokwenani lemihla enalihlola ngayo ilizwe, imihla emashumi mané, umhla ube ngumnyaka, niya kubuthwala ubugwenxa benu iminyaka emashumi mané, nikwàzi ukunishiya kwam.