41 Wathi uMoses, Yini na, le nto niwugqithayo umlomo kaYehova?
42 Le nto ayiyi kuphumelela. Musani ukunyuka, kuba uYehova akakho phakathi kwenu; ningágxothwa ziintshaba zenu.
43 Ngokuba ama-Amaleki namaKanan akhona phambi kwenu, niya kuwa likrele; ngenxa yokuba nibuyile ekumlandeleni uYehova, akayi kuba nani uYehova.
44 Bagxalathelana, benyuka baya encotsheni yentaba; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova noMoses ayiphumanga phakathi kweminquba.
45 Ehla ama-Amaleki namaKanan abehleli kuloo ntaba, abaxabela, abaqoba kwasa eHorma.