19 kothi ekudleni kwenu isonka selizwe, nirhumele uYehova umrhumo.
20 Nòrhuma umrhumo womgrayo wenu wokuqala, wenziwe umqhathane; njengomrhumo wesandá, nowenjenjalo ukuwurhuma.
21 Kuwo umgrayo wenu wokuqala, nomnika uYehova umrhumo ezizukulwaneni zenu.
22 Xa nithe nalahleka, anayenza le mithetho yonke ayithethileyo uYehova kuMoses,
23 zonke izinto uYehova aniwisele umthetho ngazo ngesandla sikaMoses, kususela kumhla uYehova awawisa umthetho, nasemva koko ezizukulwaneni zenu;
24 kothi, ukuba kuthe kwenzeka into ngokulahleka, ingàbonwa libandla, ibandla lonke lenze inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe linye, ibe lidini elinyukayo, ibe livumba elithozamisayo kuYehova, ndawonye nomnikelo walo wokudla, nomnikelo walo othululwayo, ngokwesiko; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono;
25 alicamagushele umbingeleli lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. Boxolelwa ke, ngokuba ibikukulahleka oku; bawuzisile bona umsondezo wabo, ukudla kwasemlilweni kuYehova, nedini labo lesono phambi koYehova ngenxa yokulahleka kwabo.