22 Xa nithe nalahleka, anayenza le mithetho yonke ayithethileyo uYehova kuMoses,
23 zonke izinto uYehova aniwisele umthetho ngazo ngesandla sikaMoses, kususela kumhla uYehova awawisa umthetho, nasemva koko ezizukulwaneni zenu;
24 kothi, ukuba kuthe kwenzeka into ngokulahleka, ingàbonwa libandla, ibandla lonke lenze inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe linye, ibe lidini elinyukayo, ibe livumba elithozamisayo kuYehova, ndawonye nomnikelo walo wokudla, nomnikelo walo othululwayo, ngokwesiko; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono;
25 alicamagushele umbingeleli lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. Boxolelwa ke, ngokuba ibikukulahleka oku; bawuzisile bona umsondezo wabo, ukudla kwasemlilweni kuYehova, nedini labo lesono phambi koYehova ngenxa yokulahleka kwabo.
26 Loxolelwa ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, ngokuba kubahlele oku abantu bonke ngokulahleka.
27 Ukuba ubani uthe wona ngokulahleka, wósondeza ibhokhwe elithokazi elimnyaka mnye, ibe lidini lesono;
28 umbingeleli acamagushele umphefumlo olahlekayo ngokona kwawo, ngokulahleka kwawo phambi koYehova. Ákuwucamagushela, woxolelwa ke.