30 Ke yena owenza ngesandla esiphakamileyo kwabazalelwe kuloo ndawo nakubaphambukeli, yena uyamnyelisa uYehova; loo mphefumlo ke wonqanyulwa, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
31 Ngokuba ulidelile ilizwi likaYehova, uwaphule nomyalelo wakhe; loo mphefumlo wonqanyulwa kanye, ubugwenxa buphezu kwawo.
32 Kwathi, oonyana bakaSirayeli besentlango, bafumana umntu etheza iinkuni ngomhla wesabatha.
33 Abo bamfumanáyo etheza iinkuni, bamsondeza kuMoses nakuAron nakwibandla lonke;
34 bamfaka elugcinweni, kuba bekungekamiswa okuyà kwenziwa kuye.
35 Wathi uYehova kuMoses, Makabulawe afe loo mntu, limxulube ibandla lonke ngamatye, ngaphandle kweminquba.
36 Lonke ibandla lamkhuphela ngaphandle kweminquba, lamxuluba ke ngamatye. Wafa, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.