10 ekusondezile nje wena nabazalwana bakho bonke, oonyana bakaLevi ndawonye nawe? Nifuna kwanobubingeleli na?
11 Ninani na, wena nebandla lakho lonke, le nto nihlangana ngoYehova? Ke uAron uyintoni na yena, ukuba nimkrokrele?
12 Wathuma uMoses, wabiza uDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi. Bathi, Asiyi kunyuka size.
13 Yinto encinane na le yokuba usinyuse ezweni elibaleka amasi nobusi, uze kusibulala apha entlango, le nto uhlala uzenzé umphathi phezu kwethu?
14 Kananjalo akusingenisanga ezweni elibaleka amasi nobusi, akusinikanga lifa lamasimi nazidiliya; uya kuwakrukra na amehlo ala madoda? Asiyi kunyuka size.
15 Wavutha kunene umsindo kaMoses, wathi kuYehova, Musa ukuwubheka umnikelo wabo wokudla. Andithabathanga ne-esile elinye kubo, andiphathanga kakubi namnye wabo.
16 Wathi uMoses kuKora, Wena nebandla lakho lonke, ze nibe phambi koYehova, wena nabo noAron, ngomso;