39 Wazithabatha ke uElazare umbingeleli iingcedevu zobhedu, ababezisondezile abo batshiswayo, zakhandwa, zaba zezokwaleka isibingelelo.
40 Yaba sisikhumbuzo eso koonyana bakaSirayeli, ukuze kungasondeli ndoda yasemzini, ingengowembewu ka-Aron, iqhumisele ngesiqhumiso phambi koYehova, ukuze ingabi njengoKora nanjengebandla lakhe, njengoko uYehova wathethayo kuye ngoMoses.
41 Lamkrokrela uMoses noAron ngengomso lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, lisithi, Nina nibabulele abantu bakaYehova.
42 Kwathi ekubizelweni ndawonye kwebandla ngoMoses nangoAron, babheka ententeni yokuhlangana. Nalo ilifu liyisibekele babonakala ubuqaqawuli bukaYehova.
43 Beza ooMoses noAron phambi kwentente yokuhlangana.
44 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
45 Sukani phakathi kweli bandla, ndiligqibele ngephanyazo. Bawa ngobuso.