46 Wathi uMoses kuAron, Luthabathe ugcedevu, ubeke umlilo phezu kwalo ovela esibingelelweni, ubeke isiqhumiso, ukhawuleze uye ebandleni, ubacamagushele; kuba kuphume uburhalarhume ebusweni bukaYehova, siqalile isibetho.
47 Wathabatha ke uAron njengoko uMoses wathethayo, wabalekela phakathi kwesikhungu; naso isibetho siqalile ebantwini. Wabeka isiqhumiso, wabacamagushela abantu.
48 Wema phakathi kwabafileyo nabahleliyo; sathintelwa ke isibetho.
49 Abo bafayo sisibetho baba lishumi elinesiné lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabafáyo ngendawo yakwaKora.
50 Wabuyela uAron kuMoses emnyango wentente yokuhlangana; isibetho sathintelwa ke.