29 Eminikelweni yonke eniyinikiweyo, norhuma imirhumo yonke kaYehova; ekutyebeni kwayo konke norhuma into yakhe eyingcwele ivela kuyo.
30 Uze uthi ke kubo, Ekurhumeni kwenu ukutyeba kwayo, kobalelwa kubaLevi, ilungeniselo lwesandà, ilungeniselo lwesixovulelo.
31 Nòkudla oko ezindaweni zonke, nina nezindlu zenu; kuba ngumvuzo wenu ngenxa yomsebenzi wenu ententeni yokuhlangana.
32 Anisayi kuzithwalisa zono ngenxa yoko ekurhumeni kwenu ukutyeba kwayo okukuyo; anisayi kuzihlambela izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; anisayi kufa.