14 Nguwo lo umyalelo xa athe umntu wafela ententeni; bonke abo bangena ententeni, nabo bonke abasukuba besesententeni, boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
15 Zonke izitya ezivulekileyo, ezingenasiciko sibotshiweyo, ziziinqambi.
16 Bonke abasukuba bemchukumisa emaphandleni obulewe ngekrele, nokuba ngofele khona, nokuba lithambo lomntu, nokuba lingcwaba: bona boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
17 Bomcaphulela oyinqambi eluthuthwini lokutsha kwedini lesono, kubekwe phezu kwalo amanzi aphilileyo ngesitya;
18 indoda ehlambulukileyo ithabathe ihisope, iyithi nkxu emanzini, ifefe intente, neempahla zonke, nabantu ababekuyo, nalowo uchukumise ithambo, nobuleweyo, nofileyo, nokuba ke kusengcwabeni.
19 Wofefa ohlambulukileyo koyinqambi ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, amhlambulule ke isono ngomhla wesixhenxe, azihlambe iingubo zakhe, ahlambe umzimba ngamanzi; wohlambuluka ke ngokuhlwa.
20 Ke umntu osukuba eyinqambi, angàzihlambululi isono, loo mphefumlo mawunqunyulwe phakathi kwesikhungu; ngokuba uyenzé inqambi ingcwele kaYehova, àkatshizwa ngamanzi okuhlamba ukungcola; uyinqambi.