4 Wócaphula ke uElazare umbingeleli egazini lalo ngomnwe wakhe, alifefe ngaphambili ententeni yokuhlangana izihlandlo ezisixhenxe;
5 litshiswe ithokazi phambi kwakhe, sitshiswe isikhumba salo, nenyama yalo, negazi lalo, ndawonye nomswane walo.
6 Umbingeleli wothabatha ke umsedare,* nehisope,* nosinga olubomvu, aziphose ezo nto phakathi kokutsha kwethokazi;
7 ahlambe iingubo zakhe umbingeleli, ahlambe umzimba wakhe ngamanzi, angene emveni koko eminqubeni, abe yinqambi umbingeleli kude kuhlwe.
8 Lowo ulitshisileyo makazihlambe iingubo zakhe ngamanzi, ahlambe umzimba ngamanzi, abe yinqambi kude kuhlwe.
9 Indoda ehlambulukileyo yoluwola uthuthu lwethokazi, ilubeke ngaphandle kweminquba endaweni emhlophe, lugcinelwe ibandla loonyana bakaSirayeli, lube lolwamanzi okuhlamba ukungcola: lidini lesono eli.
10 Oluwolayo uthuthu lwethokazi wazihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi kude kuhlwe; kube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli, nakowolunye uhlanga oluphambukele phakathi kwabo.