18 Wathi uEdom kuye, Ùze ungacandi kum, hleze ndiphume ndinekrele, ndikuhlangabeze.
19 Bathi oonyana bakaSirayeli kuye, Sonyuka ngomendo. Ukuba sithe sasela amanzi akho, mna nemfuyo yam, ndokuhlawulela. Akukho nto, ndocanda nje kodwa, ndihamba ngeenyawo.
20 Wathi, Ùze ungacandi. Watsho waphuma uEdom, wamhlangabeza enento eninzi yabantu, enesandla esithe nkqi.
21 Wala uEdom ukumvumela uSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. Wajika ke uSirayeli, wemka kuye.
22 Banduluka eKadeshe; beza oonyana bakaSirayeli, ibandla lonke, entabeni yeHore.
23 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron entabeni yeHore, emdeni welizwe lakwaEdom, wathi,
24 UAron makahlanganiselwe kwabakowabo; ngokuba akayi kungena ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokuba nawuphikisayo umlomo wam emanzini embambano.