22 Banduluka eKadeshe; beza oonyana bakaSirayeli, ibandla lonke, entabeni yeHore.
23 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron entabeni yeHore, emdeni welizwe lakwaEdom, wathi,
24 UAron makahlanganiselwe kwabakowabo; ngokuba akayi kungena ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokuba nawuphikisayo umlomo wam emanzini embambano.
25 Thabatha uAron noElazare unyana wakhe, ubanyuse entabeni yeHore;
26 umhlube uAron iingubo zakhe, uzambathise uElazare unyana wakhe. UAron wohlanganiselwa kwabakowabo, afele khona.
27 Wenza uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho; benyuka entabeni yeHore phambi kwebandla lonke.
28 UMoses wamhluba uAron iingubo zakhe, wazambathisa uElazare unyana wakhe. Wafela khona uAron encotsheni yentaba. Wehla uMoses noElazare entabeni.