1 Weva umKanan, ukumkani waseAradi, obehleli kwelasezantsi, ukuba ayeza amaSirayeli ngendlela yeentlola, walwa namaSirayeli, wathimba abantu kuwo.
2 Abhambathisa amaSirayeli isibhambathiso kuYehova, athi, Ukuba uthe wabanikela inene aba bantu esandleni sam, ndoyisingela phantsi imizi yabo.
3 Waliva uYehova ilizwi lamaSirayeli, wamnikela umKanan lowo kuwo, wasingelwa phantsi nemizi yakhe. Kwathiwa igama laloo ndawo yiHorma.*
4 Banduluka entabeni yeHore ngendlela yoLwandle oluBomvu,* ukuba bajikele ilizwe lakwaEdom; bakhathazeka abantu endleleni.
5 Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu.