24 Sema isithunywa sikaYehova engxingweni yezidiliya, iludonga ngapha, iludonga ngapha.
25 Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lagudla udonga, lalugudla unyawo lukaBhileham ngodonga; waphinda walibetha.
26 Saphinda sagqitha isithunywa sikaYehova, sema endaweni exineneyo, apho bekungekho ndlela yakucezela ekunene nasekhohlo.
27 Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lasadalala phantsi koBhileham. Wavutha umsindo kaBhileham, walibetha iesile ngentonga.
28 Wawuvula ke uYehova umlomo weesile, lathi kuBhileham, Ndikwenzé ntoni na, ukuba undibethe la maxesha mathathu?
29 Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethé ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku!
30 Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe?