5 Wathuma abathunywa kuBhileham, unyana kaBhehore, ePehore, esemlanjeni welizwe loonyana babantu bakowabo, ukuba bambize bathi, Yabona, kuphume abantu eYiputa; nabo bebugubungele ubuso belizwe, behleli malungana nam.
6 Khawuze ke, undiqalekisele aba bantu, ngokuba banamandla kunam; mhlawumbi ndingaba nako ukubabulala, ndibagxothe kweli lizwe; ngokuba ndiyazi ukuba omsikelelayo usikelelwe, omqalekisayo uqalekisiwe.
7 Ahamba ke amadoda amakhulu akwaMowabhi, namadoda amakhulu akwaMidiyan, eneenkozo zokuvumisa ezandleni zawo, aya kuBhileham, athetha kuye amazwi kaBhalaki.
8 Wathi kuwo, Lalani apha ngobu busuku; ndoninika ilizwi, njengoko uYehova aya kuthetha kum. Bahlala ke abathetheli abo bakwaMowabhi noBhileham.
9 Wafika uThixo kuBhileham, wathi, Angoobani na la madoda anawe apha?
10 Wathi uBhileham kuThixo, UBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wamaMowabhi, uthumele kum, esithi,
11 Yabona, kuphume abantu eYiputa, babugubungela ubuso belizwe; yiza ke undiqalekisele bona, mhlawumbi ndingaba nako ukulwa nabo, ndibagxothe.