27 Wathi uBhalaki kuBhileham, Khawuze ndikuse ndaweni yimbi; mhlawumbi kolunga emehlweni kaThixo, ukuba undiqalekisele ke bona khona.
28 UBhalaki wamsa ke uBhileham encotsheni yePehore, ekhangele enkangala.
29 Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndákhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe.
30 Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham, wenyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.