16 Utsho ova ukuthetha kukaThixo,Wakwazi ukwazi kOsenyangweni;Obona umbono woSomandla,Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo:
17 Ndiyayibona, kungekhona ngoku,Ndiyikhangele, ingekufuphi.Inkwenkwezi iphuma kwaYakobi;Intonga ivela kwaSirayeli,Iwaphàluse amaMowabhi emacaleni omabini,Ibagòmbe bonke abengxolo;
18 UEdom abe lilifa,Abe lilifa uSehire, iintshaba zakhe;USirayeli yena avelise amandla.
19 Makehle ophuma kwaYakobi,Atshabalalise abaseleyo emizini.
20 Wawabona ama-Amaleki, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Ingqalo yeentlanga nguAmaleki;Isiphelo sakhe sikukutshabalala.
21 Wawabona amaKeni, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Liqinile ikhaya lakho;Indlu yakho imiswe eweni.
22 Kuba uKayin angátshayelwa yini na,Ade uAsiriya akuthimbe?