6 Zitwabulukile njengezihlambo,Njengamasimi aphezu komlambo,Njengemihlàba etyelwe nguYehova,Njengemisedare* ephezu kwamanzi.
7 Aya kumpompoza amanzi emiphandeni yakhe,Imbewu yakhe ingasemanzini amaninzi.Ukumkani wakhe makabe ngaphezulu koAgagi,Buziphakamise ubukumkani bakhe.
8 UThixo umkhupha eYiputa.Amendu akhe anjengawenqu.Uya kuzidla iintlanga, ababandezeli bakhe,Awakhukhuze amathambo abo,Abaphaluse ngeentolo zakhe.
9 Waguqa, wabuthuma njengengonyama,Njengengonyamakazi; ngubani na owomvusa?Mabasikelelwe abakusikelelayo,Baqalekiswe abakuqalekisayo.
10 Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, wazityhwakraza izandla zakhe, wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam; nanku, umana ukuzisikelela ezi zihlandlo zozithathu.
11 Khwelela ngokunje, uye endaweni yakho. Bendithe ndokuzukisa kakhulu; yabona uYehova ukuvimbile uzuko.
12 Wathi uBhileham kuBhalaki, Bendingathethanga na nakubathunywa bakho owabathumela kum nidisithi,