1 Kwathi emva kwesibetho eso, wathetha uYehova kuMoses nakuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wathi,
2 Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, nithabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, ngokwezindlu zooyise, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli.
3 UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi,
4 Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.Oonyana bakaSirayeli abaphumáyo ezweni lamaYiputa babengaba:
5 kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen: nguHanoki ozala amaHanoki;
6 nguPalu ozala amaPalu; nguHetseron ozala amaHetseron; nguKarmi ozala amaKarmi.
7 Yiyo leyo imizalwane yamaRubhen; ababalwáyo kuyo babengamashumi amané anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.