39 nguShefufam ozala amaShefufam; nguHufam ozala amaHufam.
40 Oonyana bakaBhela nguArdi noNahaman; nguArdi ozala ama-Ardi; nguNahaman ozala amaNahaman.
41 Ngabo abo oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; ababalwáyo kubo ngamashumi amané anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu.
42 Ngabo aba oonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo; nguShuham ozala amaShuham. Yiyo leyo imizalwane yakwaDan ngokwemizalwane yabo.
43 Yonke imizalwane yamaShuham, ngokwababalwáyo kubo, ngamashumi omathandathu anamané amawaka, anamakhulu mané.
44 Oonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo: nguImna ozala amaImna; nguIshwi ozala amaIshwi; nguBheriya ozala amaBheriya.
45 Koonyana bakaBheriya: nguHebhere ozala amaHebhere; nguMalekiyeli ozala amaMalekiyeli.