19 ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo;
20 uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limve lonke ibandla loonyana bakaSirayeli.
21 Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim* phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke.
22 Wenza ke uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho. Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke;
23 wacinezela ngezandla zakhe phezu kwakhe, wamwisela umthetho, njengoko uYehova wathethayo ngoMoses.