7 Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wòzinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise;
8 uthèthe koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa ithe yafa indoda, ingenanyana, nòlihambisela ilifa layo kwintombi yayo.
9 Ke ukuba ithe ayaba nantombi, nolinika abazalwana bayo ilifa layo.
10 Ukuba ithe ayaba nabazalwana, nolinika abazalwana bakayise ilifa layo.
11 Ukuba uyise uthe akaba nabazalwana, ilifa layo nolinika umzalwana wayo okufuphi kuyo emizalwaneni yayo, alidle ilifa. Woba ngummiselo ke wokugweba lowo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
12 Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uye kule ntaba yeAbharim, ulikhangele ilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli,
13 ulikhangele; uhlanganiselwe kwabakowenu nawe, njengokuba wahlanganiselwayo kubo uAron, umkhuluwa wakho;