3 Uze uthi kubo, Kuko oku ukudla kwasemlilweni enòkusondeza kuYehova: iimvana ezimbini ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zemini ngemini, zedini elinyukayo lamaxesha onke;
4 enye imvana woyenza kusasa, eyesibini uyenze lakutshona ilanga;
5 nesahlulo seshumi se-efa* somgubo ocoliweyo woba ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli engqushiweyo, esisahlulo sesiné sehin.*
6 Lidini elinyukayo lamaxesha onke, elamiselwa entabeni yeSinayi ukuba libe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;
7 nomnikelo walo othululwayo woba sisahlulo sesiné sehin kwimvana yokuqala. Wowuthululela engcweleni umnikelo othululwayo, usisiselo esinamandla kuYehova.
8 Eyesibini imvana woyenza lakutshona ilanga. Woyenza ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ukudla kwasemlilweni ivumba elithozamisayo ke elo kuYehova.
9 Ke ngomhla wesabatha, nosondeza iimvana ezimbini ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, nezahlulo zeshumi zibe zibini zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, nomnikelo walo othululwayo.