6 Lidini elinyukayo lamaxesha onke, elamiselwa entabeni yeSinayi ukuba libe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;
7 nomnikelo walo othululwayo woba sisahlulo sesiné sehin kwimvana yokuqala. Wowuthululela engcweleni umnikelo othululwayo, usisiselo esinamandla kuYehova.
8 Eyesibini imvana woyenza lakutshona ilanga. Woyenza ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ukudla kwasemlilweni ivumba elithozamisayo ke elo kuYehova.
9 Ke ngomhla wesabatha, nosondeza iimvana ezimbini ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, nezahlulo zeshumi zibe zibini zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, nomnikelo walo othululwayo.
10 Lidini elinyukayo ke elo lesabatha ngesabatha, ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo.
11 Ekuthwaseni kweenyanga zenu nosondeza kuYehova idini elinyukayo, iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezigqibeleleyo ezimnyaka mnye zibe sixhenxe;
12 nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zithathu, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwé ioli, kuyo inkunzi entsha enye yenkomo;