8 Eyesibini imvana woyenza lakutshona ilanga. Woyenza ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ukudla kwasemlilweni ivumba elithozamisayo ke elo kuYehova.
9 Ke ngomhla wesabatha, nosondeza iimvana ezimbini ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, nezahlulo zeshumi zibe zibini zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, nomnikelo walo othululwayo.
10 Lidini elinyukayo ke elo lesabatha ngesabatha, ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo.
11 Ekuthwaseni kweenyanga zenu nosondeza kuYehova idini elinyukayo, iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezigqibeleleyo ezimnyaka mnye zibe sixhenxe;
12 nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zithathu, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwé ioli, kuyo inkunzi entsha enye yenkomo;
13 nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zibini, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwé ioli, kuyo inkunzi enye yemvu; nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo ngasinye, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwé ioli, kuyo imvana enye. Lidini elinyukayo, livumba elithozamisayo, kukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;
14 neminikelo yazo ethululwayo yoba sisiqingatha sehin kuyo inkunzi entsha yenkomo, nesahlulo sesithathu sehin kuyo inkunzi yemvu, nesahlulo sesiné sehin yewayini kwimvana. Lilo elo idini elinyukayo lenyanga ngenyanga ezinyangeni zomnyaka.