14 nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwé ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo inye, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo ezilishumi elinantathu, nezahlulo zeshumi zibe zibini kwinkunzi yemvu inye, kuzo iinkunzi zezimvu ezimbini,
15 nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana inye kuzo iimvana ezilishumi elinané;
16 nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
17 Ngosuku lwesibini nosondeza zibe lishumi elinambini iinkunzi ezintsha, amathole eenkomo; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zibe lishumi elinané;
18 nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo ngokwesiko;
19 nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwaneminikelo yazo ethululwayo.
20 Ngosuku lwesithathu nosondeza iiknunzi ezintsha zeenkomo zibe lishumi elinanye; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinané;