34 nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
35 Ngosuku lwesibhozo yoba yingqungquthela kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
36 Nosondeza idini elinyukayo, ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova; inkunzi entsha yenkomo ibe nye; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe sixhenxe;
37 nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuyo inkunzi entsha yenkomo, nakuyo inkunzi yemvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko;
38 nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
39 Loo madini nowenza kuYehova ngamaxesha enu amisiweyo, ngaphandle kwezibhambathiso zenu, nemibingelelo yenu yokuqhutywa yintliziyo, emadinini enu anyukayo, naseminikelweni yenu yokudla, naseminikelweni yenu ethululwayo, nasemibingelelweni yenu yoxolo.
40 UMoses wabaxelela oonyana bakaSirayeli ngokwezinto zonke, uYehova abemwisele umthetho ngazo uMoses.