16 Wababala ke uMoses ngokomlomo kaYehova, njengoko wamwiselayo umthetho.
17 Ngabo aba oonyana bakaLevi ngamagama abo: nguGershon noKehati noNerari.
18 Ngawo la amagama oonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo: nguLibheni noShimehi.
19 Oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo: nguAmram noItsare, nguHebron noUziyeli.
20 Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo: nguMaheli noMushi. Yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngokwezindlu zooyise.
21 KwaGershon ngumzalwane wakwaLibheni, nomzalwane wakwaShimehi; yiyo leyo imizalwane yakwaGershon.
22 Ababalwáyo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse, ababalwáyo kubo: ngamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu.