2 Baphindezele kumaMidiyan oonyana bakaSirayeli, ngento awayenza kubo; emveni koko wòhlanganiselwa ebantwini bakowenu.
3 Wathetha ke uMoses ebantwini, esithi, Makuxhobe amadoda kuni, aphume umkhosi aye kumaMidiyan, enze impindezelo kaYehova kumaMidiyan;
4 iwaka esizweni, iwaka esizweni, ezizweni zonke zakwaSirayeli, nòwathuma aphume umkhosi.
5 Kwakhutshwa ke emawakeni akwaSirayeli iwaka esizweni, iwaka esizweni, alishumi elinamabini amawaka, exhobele ukuphuma umkhosi.
6 Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi; wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe.
7 Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, ayibulala yonke into eyindoda.
8 Ababulala ookumkani bamaMidiyan ndawonye nababuleweyo babo, uEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, ookumkani abahlanu bamaMidiyan; noBhileham, unyana kaBhehore, ambulala ngekrele.