9 Oonyana bakaSirayeli babathimba abafazi bakwaMidiyan, neentsapho zabo; namaqegu abo onke, nemfuyo yabo yonke, nobutyebi babo bonke babuphanga.
10 Bayitshisa ngomlilo imizi yabo yonke ezindaweni zokuhlala kwabo, neengqili zabo zonke;
11 bawathabatha onke amaxhoba nezinto zonke eziphangiweyo, awabantu naweenkomo.
12 Babazisa abathinjiweyo, namaxhoba, nempahla ephangiweyo, kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwibandla loonyana bakaSirayeli eminqubeni, ezinkqantosini zakwaMowabhi, ezingaseYordan malunga neYeriko.
13 Baphuma ooMoses noElazare umbingeleli nezikhulu zonke zebandla, baya kubakhawulela ngaphandle kweminquba.
14 UMoses wanoburhalarhume kubo abaveleli bomkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu, ababevela emkhosini waloo mfazwe.
15 Wathi uMoses kubo, Niwasindisile na onke amankazana?