16 Basondela kuye bathi, Izibaya zempahla emfutshane siya kuzibiyela imfuyo yethu apha, imizi siyakhele usapho lwethu.
17 Ke thina siya kukhawuleza sixhobe, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibasé endaweni yabo; usapho lwethu luhlale emizini enqatyisiweyo, ngenxa yabemi balo ilizwe.
18 Asiyi kubuyela ezindlwini zethu, bade oonyana bakaSirayeli balizuze ilifa, elowo ilifa lakhe.
19 Kuba asiyi kudla lifa nabo phesheya kweYordan nangaphaya, xa ilifa lethu silizuzé nganeno kweYordan ngasempumalanga.
20 Wathi uMoses kubo, Ukuba nithe nalenza elo lizwi, ukuba nithe naxhobela imfazwe phambi koYehova,
21 bayiwela iYordan bonke abaxhobileyo kuni, behamba phambi koYehova, bada bazigqogqa iintshaba zabo phambi kwabo, leyiswa ilizwe phambi koYehova,
22 nabuya emveni koko: noba msulwa ke kuYehova nakuSirayeli, eli lizwe libe lelenu phambi koYehova.