23 Ke ukuba anithanga nenjenjalo, yabonani, noba nonile kuYehova, nazi ukuba isono senu siya kunifumana.
24 Zakheleni imizi iintsapho zenu, nezibaya zempahla yenu emfutshane, niyenze le nto iphumileyo emlonyeni wenu.
25 Bathetha oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi, Abakhonzi bakho baya kwenza njengoko inkosi yethu iwise umthetho.
26 Abantwana bethu, nabafazi bethu, nemfuyo yethu, namaqegu ethu onke, oba khona emizini yaseGiliyadi.
27 Ke abakhonzi bakho baya kuwela, bonke abomkhosi bexhobele imfazwe phambi koYehova, njengoko inkosi yethu itshoyo.
28 UMoses wamwisela umthetho ngabo uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli.
29 Wathi uMoses kubo, Ukuba oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bathe bawela nani eYordan, bonke bexhobele imfazwe phambi koYehova, laza leyiswa ilizwe phambi kwenu, nobanika ilizwe laseGiliyadi, ukuba libe lelabo.