28 UMoses wamwisela umthetho ngabo uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli.
29 Wathi uMoses kubo, Ukuba oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bathe bawela nani eYordan, bonke bexhobele imfazwe phambi koYehova, laza leyiswa ilizwe phambi kwenu, nobanika ilizwe laseGiliyadi, ukuba libe lelabo.
30 Ke ukuba abathanga bawéle bexhobile nani, boba nelifa phakathi kwenu ezweni lakwaKanan.
31 Baphendula oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi, Oko akuthethileyo uYehova kubakhonzi bakho, baya kukwenza.
32 Thina siya kuwela sixhobile phambi koYehova, siye ezweni lakwaKanan, ukuze ibe yeyethu inzuzo yelifa lethu nganeno kweYordan.
33 UMoses wabanika oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen nesiqingatha sesizwe sakwaManase, unyana kaYosefu, ubukumkani bukaSihon ukumkani wama-Amori, nobukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, ilizwe elo ngokwemizi yalo nemida yalo, imizi yelizwe elo ngeenxa zonke.
34 Bayakha oonyana bakaGadi iDibhon, neAtaroti, neArohere,