5 Bathi, Ukuba usibabále, abakhonzi bakho mabanikwe elo zwe, ukuba libe lelabo; ungasiwezi iYordan.
6 Wathi uMoses koonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, Bayè emfazweni abazalwana benu, nihlale apha na nina?
7 Yini na ukuba nizityhafise iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangaweleli ezweni abanika lona uYehova?
8 Benjenjalo ooyihlo ekubasuseni kwam eKadeshe-bharneha, ukuba balikhangele ilizwe.
9-11 Benyuka bada baya esihlanjeni sakwaEshkoli, balibona ilizwe, bazityhafisa iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangàyi ezweni abanikáyo uYehova. Wavutha umsindo kaYehova ngaloo mhla, wafunga, wathi, Ndobona ukuba okha awubone amadoda anyukáyo eYiputa, athabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe enyusa, umhlaba endawufungela uAbraham noIsake noYakobi, kuba engakuzalisanga ukundilandela;
12 ingenguKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, noYoshuwa, unyana kaNun; ngokuba bekuzalisile ukumlandela uYehova bona.
13 Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawabhadulisa entlango iminyaka emashumi mané, sada sagqitywa sonke isizukulwana, esaye senze ububi emehlweni kaYehova.