3 Banduluka eRameses ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala; ngengomso emva kwepasika, baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo, emehlweni amaYiputa onke.
4 AmaYiputa ayengcwaba abo wababethayo uYehova kuwo, bonke abamazibulo; nasezithixweni zabo uYehova wenza izigwebo.
5 Banduluka oonyana bakaSirayeli eRameses, bamisa iintente eSukoti.
6 Banduluka eSukoti, bamisa e-Etam, esesiphelweni sentlango.
7 Banduluka e-Etam, babuyela ngasePihahiroti, ephambi kweBhahalitsefon, bamisa phambi kweMigidoli.
8 Banduluka phambi kweHahiroti, baluwela ulwandle, baya entlango; bahamba uhambo lweemini ezintathu entlango ye-Etam, bamisa eMara.
9 Banduluka eMara, bafika e-Elim; kwakukho e-Elim apho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe, bamisa khona.