40 Weva umKanan, ukumkani waseAradi, owayehleli kwelisezantsi ezweni lakwaKanan ukuba bafikile oonyana bakaSirayeli.
41 Banduluka entabeni yeHore, bamisa eTsalimona.
42 Banduluka eTsalimona, bamisa ePunon.
43 Banduluka ePunon, bamisa eObhoti.
44 Banduluka eObhoti, bamisa eIye-abharim, emdeni wakwaMowabhi.
45 Banduluka eIyim, bamisa eDibhon yakwaGadi.
46 Banduluka eDibhon yakwaGadi, bamisa eAlimon-diblatayim.